Imbulambethe
IRhini, ikhaya le Yunivesiti iRhodes, ikwiMpuma-Koloni kuMzantsi Afrika, phondo elo elilelinye lawona ahlwampuzekileyo kweli lizwe lethu. Kummandla ongaphesheya kwentili ojongene neRhodes kuhlala abantu abakwi-100 000, kubo bengaphezu kwesiqingatha abangaphangeliyo. Kukho ubudlelane obubodwa nobubalulekileyo phakathi kweRhodes kunye noluntu oluyingqongileyo, ilelo icala lixhomekeke kwelinye ukuze libe nokuhlala lihleli.
IYunivesiti iRhodes izibophelele kwiNgxelo yeeNkalo ejonge kuzo neentsika ezingundoqo ezintathu ezizezi: ukufundisa, ukuqhuba uphando neenkonzo zoluntu. Njengowona mbutho mkhulu eRhini, iYunivesiti inawo amandla, ukuzimisela kwakunye nobuchule bokunxibelelana noluntu iphembelele inguqulelo efunekayo.
Le ncwadi intsha ithi Community Engagement Review ( UPhononongo loNxibelelwano noLuntu), iqulathe izinto eziliqela nezahlukileyo ezenziwa yiRhodes kwimingxilo ngemingxilo ukususela ekuthatheni inxaxheba kumgangatho wocwangciso-nkqubo zikarhulumente nophando oluqwabulula ulwazi olutsha kwicala lezinto ezenziwayo eziligalelo elijoliswe eluntwini. Iiprojekthi ezahlukileyo ziye zanconywa kakhulu ngurhulumente wendawo kwakunye nowephondo kunjalonje zithulelwa umnqwazi nasehlabathini jikelele.
IYunivesiti ithatha inxaxheba ebonakalayo kuphuhliso loluntu lweMpuma-Koloni ngamagalelo ayo angqalileyo najoliswe kwimiba ethile kwezo zinto inamandla nobuchule bokuzenza. Umoya wokukhonza uluntu obonakala kwistafu nabafundi beYunivesiti uphuhliswa ngolwabelwano ngolwazi nobuchule bokwenza izinto.
Sibamba ngazibini ngenkxaso esiye sayifumana kubaxhasi ukuze sibe nokuqhubela phambili iiprogram neeprojekthi zethu ezininzi. Kuyakhuthaza ukubona abafundi nestafu besabela umngeni weemfuno zabantu eRhini, bezibandakanya kumsebezi woluntu abawenza ngokuzithandela bengajonge nzuzo namvuzo.
IKomiti yoNxibelelano noLuntu yaseRhodes, phantsi kosihlalo wayo uDiana Hornby, yasekwa ngowe-2003 yiSenethi yeYunivesiti yanikwa umsebenzi wokuphuhlisa, ukunxibelelanisa nokwandisa ukubonakala kwemisebenzi yoluntu emininzi eqhutywa kule Yunivesiti kwakunye nokuyiqhubela phambili nangakumbi loo misebenzi. Kungenxa yemizamo yabo ke ekuthe kwaba nokwenziwa le ncwadi, kwayilwa newebsayithi yoNxibelelwano noLuntu, kwaqeshwa noManejala woNxibelelwano noLuntu kwakunye noMncedisi wakhe ebutsheni balo nyaka (2005).
Siwaphose amehlo ethu kwiminyaka elikhulu elandelayo yemfundo ephume izandla nakuphuhliso oluthe gqolo lwayo yomibini le mimandla yoluntu lwethu.
Gqr David Woods
USekela-Tshansila


