Rhodes>JMS>Student Resources>Ethical guidelines for the practice of journalism – isiXhosa

Imigaqo ekufanelwe ilandelwe ngabezosasazo yesikolo sontathelo nosasazo

Ukuzazisa ngokupheleleyo
  •  Intatheli kufuneka zinyaniseke maxa onke ukuba bazintatheli kunye nagenjongo yokuqok
  • Mayibengabantu abafumanekayo xa befunwa ngabo bangumthombo wolwazi lwabo.
Umdla woluntu jikelele xa uthelekiswa namalungelo omntu
  • Kusemdleni woluntu jikelele ukufumana ezintsha nolwazi oluyinyani ngeendawo esihlala kuzo.
  • Ilungelo lemfihlo alungekhe lwalelwa, ngaphandle nje kweemeko apho kukhuthazwa umdla woluntu jikelele nalapho ubani athi ngokuzithandela adandalazise elubala inkcukacha ngeemfihlo zakhe.
  • Iingxoxo ngokuvunyelwene ngako kunye nemiphumela engalindelekanga yosasa nazo kufuneka ziyinxalenye yalenkqubo yontathelo.
Ubunyani
  • Makuthethwe ngokuthe gca kwaye kuvelelwe nkalo zonke xa kumelwe okanye kuthethwa ngomcimbi othile, kunikwe iinkcukacha zonke ze kubekho novelwano.
  • Makungenziwa ngenjongo ukubanegalelo, ukujika, okanye ukufuna ukujika nokupheka iziphumo zeziganeko. Lo mmiselo ke mawungaphithaniswa nelungelo lweentatheli lokuthatha icala elithile kuhlelo okanye ukunika umkhombandlela xa zijonga imiphumela yeziganeko.
  • Malungaphekwa ulwimi, imifanekiso kunye namaxwebhu okanye kongezwe okanye kuguqulwe isandi nangayiphi na indlela ezakuthi ilahlekise uluntu okanye inike umbono ongenguwo ngomntu, imiba okanye isiganeko.
  • Kwale ukulahlekiswa ngezithembiso zamathuba ezithwe thaca phambi kwakho.
  • Musa ukunyhasha uxanduva lwakho ngenjongo zokufumana intlonipho okanye ukubanegunya elilelakho.
  • Umhlaba wokuthatha icala kuntathelo, nokuba usekelwe kwibala, ubuhlanga, inkcubeko, isimo ngokwasekuhlaleni, isini okanye kwinkolo, makacace kuluntu jikelele. Siyazi kona ukuba ukungakhethi cala, nangona kubalulekile kubunyani nasebulungiseni, akwenzeki ncam xa selekusetyenzwa.
  • Kulumkele, kwaye ukudandalazise elubala, ukukhetha kwakho icala elithile.
  • Iintatheli kufuneka zishicilele izilungiso zalo naluphi na ulwazi olufunyenwe lonobungozi okanye lungeyonyani.
  • Ukusetyenziswa kwezimvo zabanye abantu ze bangakhankanywa njengabaninizimvo ezo akwamkelekanga. Nceda utsho ukuba luvelaphi na ulwazi olo ulusebenzisileyo ukuxhasa uphando lwakho.
Imithombo yolwazi kunye nabantu
  1. Ukuthembana phakathi kweentatheli noluntu jikelele, naphakathi kweentatheli kunye nababoneleli ngolwazi kubaluleke kakhulu.
  2. Bonke ke abantu nezinto maziphathwe ngentlonipho nesidima.
  3. Wonke umntu unelungelo lokuziphendulela.
  4. Nciphisa umenzakalo onokuwenza kwabo banguvimba wolwazi lwakho.
  5. Hlonipha amalungiselelo angashicilelwanga kunye nezinto ezikwakumila kunjalo.
  6. Kubaleke ukusebenzisa abantu abangafuni kuchazwa, ngaphandle kokuba akukho ndlela yimbi, ukuvakalisa ulwazi olubalulekileyo kuluntu jikelele. Qinisekisa ukuba kukho into engqinela ubunyani bolwazi olo.
  7. Bubaleke ubuntatheli obusekelwe kwintlawulo, apho abantu abakunike ulwazi bafuna intlawulo.
  8. Nceda uqaphelisise abo bathi babengamaxhoba (abafana nabantwana kunye nabo bangakwaziyo ukwenza izigqibo ezisekelwe kulwazi oluphangaleleyo) ze ubenovelwano kumaxhoba olwaphulo mthetho okanye wentlekele. Ndlova kuphela kwiimeko zonxunguphalo nenkxwaleko xa lonto isemdleni woluntu jikelele.
  9. Musa ukudiza iinkcukacha ngabantwana abebengamaxhoba wohlukumezo nokusetyenziswa kabuhlungu, okanye abebethe bagwetywa okanye babekwa ubutyala ngolwaphulo mthetho. Ukuba kukho amathuba wokuba usasazo luze nobungozi balo naluphi na uhlobo emntwaneni, malungabikho udliwano- ndlebe, makungathwathwa mifanekiso, ze angaziswa bantwini umntwana lowo, ngaphandle kokuba umzali okanye umgcini unike imvume yokuba kwenziwe njalo okanye isimo eso senza umdla ongenakufihlakala kuluntu jikelele. Siqonda kakuhle ke ukuba abantwana banelungelo ukuzityanda igila ngendlela abeva ngayo.
Amatyala olwaphulo mthetho
  • Isimo esisemthethweni sokungabeki tyala, ingakumbi kwiimeko apho uphando lusaqhubayo, masihlonitshwe.
  • Malubanjwe naluphi na ulwazi oluza nesiphumo ibe inkundla ingekabeki sigwebo.
Ababukeli/Abaphulaphuli
  • Bonakalisa inkathalo noxanduva xa uzakubonisa ngemifanekiso emasikizi, enongcungcuthekiso nehlasimliza umzimba.
  • Kwimiba yembambano qaphelisisa indima enokudlalwa zintatheli zendaba ukunyusa ukujongana ngezikhondo zamehlo ze uzame iindlela zokukhuthaza ukuqonda, ukunyamezelana kunye nokuthembana phakathi kwamaqela.
KwiWebhu
  • Yonke ke lemimiselo yentlonipho ikwasetyenziswa nakwabo basebenza ngewebhu.
  • Iintatheli zinelungelo lokuthatha inxaxheba kwiwebhu njengeentatheli nanjengabahlali jikelele.
  • Nanjengoko sisazi izwe eli lwewebhu ukuba lungcole kanjani oko kuzakuthi kuchaphazele umsebenzi wabaqeqeshiweyo, ngoko ke iingcinga zomntu kufuneka zisekelwe kwisimo sokuziphatha esamkelekileyo ubani eqaphelisisa ukunqongophala kwemida kwi-intanethi.
  • Qinisekisa ubunyani bolwazi kunye nemithombo leyo yolwazi kwangendlela ekwafana nezinye indlela zontathelo.
  • Thatha ngokuba uluntu jikelele luyayibona yonke into oyishicilela kwiwebhu.

Last Modified: Tue, 03 Mar 2020 08:56:40 SAST