Rhodes University Logo
Rhodes > Russell Kaschula > Latest News

IsiXhosa sesomfundi, hayi amaXhosa odwa

Date Released: Mon, 27 October 2014 10:10 +0200

IsiXhosa lolona lwimi luthethwa kakhulu apha eMzantsi Afrika. Lileqa emva kwesiZulu, olu lwimi luqukwe njegelwimi laseburhulumenteni apha eMpuma Kolo, uninzi lwabantu abathetha isiXhosa nabangamaXhosa baphuma kweli phondo.

Umgaqo nqubo weelwimi waseRhodes Univesithi uyakuxhasa ukufunda nokufundisa ngesiXhosa. Into edanisa kakhulu kukuba bambalwa kakhulu abantu abathi bafunde isiXhosa. Kodwa zikwakho neendaba ezincumisayo zabafundi abathi bayithathele entloko into yokufunda isiXhosa bade bayoma kwinqanaba leehonours .

UZakeera Docrat ngomnye wabo bafundi isebe leelwimi lizingca ngabo. Waqala ukuthetha isiXhosa esemncinci kakhulu, ukusukela kumabanga aphantsi, lo kaDocrat uyakonwabela ukufunda nokuthetha isiXhosa. “Kutheni sizothetha isiNgesi sodwa xa uninzi lwabantu kweli phondo ingamaXhosa” utsho uDocrat, uqhuba athi ukufunda nokwaizi isiXhosa kucanda imingeni ethile. Kwenza ubani azidle ngokuba ngummi weli. Ekufundeni kwakhe isiXhosa uzifumanele olwano lwazi luphangaleleyo, ingakumbi kwinqanaba leehonours. “Kwiyunivesithi iphela, alikho isebe elixhome njengelo lesiXhosa” uncoma enjenje uDocrat.

Uyakwacebisa abafundi ukuba bazifunde iilwimi ziseNtu ingakumbi isiXhosa, uqhuba athi lowo uthetha isiXhosa loo nto ayithethi ukuba ungumpondo zihlanjiwe wesiXhosa, koko kuninzi angakuzuza ngokufunda isiXhosa. “Ukuphuhlisa isiXhosa kuquka ukusithetha kunye nokusibhala, xa aba bathetha isiXhosa bengasifunde bathi masifundwe ngubani, siphuhle njani xa singafundwa?” utsho lo mfundi weehonours kwisiXhosa. UZakeera uyavuma ukuba xa ungumfundi ongengomXhosa ikho imingeni othi uhlangabezane nayo, kodwa xa uzibopha nokuba zibhityile, phambili uyafika unganqandwa nasisibhakabhaka, abe engumzekelo ophilayo kuba naku waphumelela ibanga leshumi nge-distinction, neRhodes ike yamhonga ngokuba ngoyena mfundi ubakhwele entloko esiXhoseni. Ekwavusa nabo banyathela isiXhosa ngocikicane uthi akunalwimi lubaluleke njengelwimi lwabo, kungenalwimi lubaluleke njengeelwimi zesiNtu.   

uDocrat ulandela ezihlangwini zikaProf R,H Kaschula onezidanga eziliqela zesiXhosa. uProf usebenzi phantsi kweelwimi zase-Afrika, ujongene nokuhlohla uphando olwenziwa ngabafundi abakwii-masters kunye nabo benza i-phd malunga neelwimi kunye nokusetyenziswa kweelwimi ezininzi. uProf Kaschula naye wahamba le ndlela kaDocrat de wabe ubizwa ngokuba nguNjingalwazi. “Ukuthetha isiXhosa ndakuqala ndisemncinci kakhulu, kuba naku abazali bam bona bethetha isiNgesi, abahlobo bam bethetha isiXhosa loo nto yandenza ndakwazi ukuthetha iilwimi ezininzi” utsho uProf, ekwanxusa abafundi ukuba bayithathele ingqalelo into yokusebenzisa iilwimi ezininzi nokufunda iilwimi zabo ingakumbi iilwimi zesiNtu.

Article by : Philasande Mfaba.

Article source :  Active online.

Source:Active online.