Rhodes University Logo

Umsitho weelwimi ezininzi

Rhodes>Russell Kaschula>Latest News

Kwinqaku lethu elidlulileyo besathule iinkcukucha ezithile malunga nokhuphiswano leelwimi ezininzi oluqhuba unyaka nonyaka apha eRhodes Univesithi. Kweli inqaku sinxose ukukumema nokukuphakela ngomnyadala ozobe uqhuba kwiholo lokufundela eEden Grove Red eRhodes Universithi ngomhla wemashumi amabini anesibini kweyoMsintsi 22 September 2014.

Icandelo leelwimi limema umfundi waseRhodes, umsebenzi, umhlali waseRhini kunye neekati zabo kumnyadala ozobe ubanjelwe kule yunivesithi. Ungabi sazixhamla ubolekana nemali kuba kungenwa simahla awukhuphi nemdaka. Umcimbi lo ujongene nokuphuhlisa iilwimi zaseburhulumenteni kwiphondo laseMpuma Koloni—isiXhosa, isiNgesi, isiBhulu kunye nesiSuthu. Lo msitho uyame kakhulu kwimo yokuthetha nokusebenzisa iilwimi ezimbini nangaphezulu imultilingualism ngelasemzini, ngeenjongo zokuphuhlisa ezo lwimi, kunye nokuphuhlisa imfundo.

Ezinye zezinto ezizokwenziwa kulo mcimbi kukuwonga lowo othe waphumelela ukhuphiswano, aze anikwe nethuba lokuba afunde elo bali lakhe sive ukuba kutheni liphume phambili nje, kanti nalowo ungaphumelelanga uyamenywa ukuba azimasele lo msingatha azokuqonda ukuba uqhuzuke phi na lento eze mva nje, azotsho akwazi ukulungisa kwixa elizayo. Njengayo yonke iminyaka kuzobe kukho isithethi esikhethekileyo, kulo nyaka lo mcimbi uhanjelwe nguProf Ekkehard Wolff (Emeritus Prof and Chair of African Linguistics at Leipzig University, Germany) lo kaWolff ukwalundwendwe kwiilwimi zesiNtu eRhodes. Kuzobe kukho nabanye abantu bamagama, ndibala abantu abasuka kwimizi yoshicilelo mhlawumbe nawe ungalumana nabo indlebe ngoko ukubhalayo okanye unqwenela ukukubhala. Umzekelo lowo owaphumelela olu khuphiswana isihlandlo zazibini uSithembile Matshobeni uzifumanele umpapashi kuwo wona lo myadala. Kanti phambi kokuba ungene phakathi udibana noluhlu lwamabali athe abhalwa ngabafundi kolu khuphiswano, kulapho abashicileli nabanye oompondo zihlanjiwe bazoqala khona. Kuthi emva koko uvulwe umgangatho, wonke umntu anikwe ithuba lokuphalaza oko akucingayo, akwaziyo, nakafuna ukukwazi ngeelwimi. Unjingalwazi u Russell Kaschula ongusihlalo wekomoti yezelwimi eRhodes Univesithi uzobe ebhexesha ngaloo mini.
UZakeera Docrat okwikomiti yeelwimi ukhuthaza wonke ubani ukuba angasali kulo mcimbi, njengamntu owuhambelayo lo mcimbi unyaka nonyaka uthi sekekhule kakhulu ngokwasengqondweni ngenxa yobulumko abufunzwa ngabantu abazimasele olo eli theko. Ekwakhuthaza nabo bangaphumelelanga kukhuphiswano lokubhala ukuba bancede bafike beve ukuba kwixa elizayo bangalungisa phi. Imbila yaswela umsila ngokuyalezela, yiza uzozivele ungeva ngondive naye abe eve ngondive. Masidibane khona.

“Kindness is the language which the deaf can hear and the blind can see” – Mark Twain.

Article by: Philasande Mfab

Photograph by:Casey Fleser

Article Source: Activate Online