UPHANDO LWABAFUNDI BESIDANGA ESINOMSILA KWIIYUNIVESITHI ZASEMPUMAKOLONI: AMASEBE/AMACANDELO EELWIMI ZESINTU/ESIXHOSA

UPHANDO LWABAFUNDI BESIDANGA ESINOMSILA KWIIYUNIVESITHI ZASEMPUMAKOLONI: AMASEBE/AMACANDELO EELWIMI ZESINTU/ESIXHOSA
UPHANDO LWABAFUNDI BESIDANGA ESINOMSILA KWIIYUNIVESITHI ZASEMPUMAKOLONI: AMASEBE/AMACANDELO EELWIMI ZESINTU/ESIXHOSA
Uphando lungundoqo ekuphuhliseni ulwazi olutsha oluthi luvele nabaphandi abasebatsha abaphekwa kumaZiko ezeMfundo ePhakamileyo.

nguSolethu Madzwila

IYunivesithi iRhodes ibibambe isemina yabafundi besidanga esinomsila, phantsi komxholo weNtsebenziswano kuphando nokukhulula uphando olubhalwe ngeelwimi zesiNtu kumakhamandela embophelelekongqondo. Le semina ibibanjelwe eYunivesithi iRhodes, eGavin Relly Postgraduate Village nakumakhasi onxibelelwano, ngomhla woku-1 kweyeDwarha kulo nyaka umiyo. Le semina ibibandakanya abahlohli, kunye nabafundi abasuka kwiiYunivesithi ezahlukeneyo, eziquka kuzo iYunivesithi yaseFort Hare, iRhodes (RU), iWalter Sisulu (WSU), neNelson Mandela injongo ikukwabelana ngeendlela zokukhulisa uphando kusetyenziswa iilwimi zesiNtu. OoGxa abangabahlohli kwezi Yunivesithi iSol Plaatjie (SPU), kunye neYunivesithi yoMzantsi Afrika (UNISA) baye bangena kwiqonga lonxibelelwano baze banika abafundi iingcebiso  kuphandolwazi lwabo.  

UNjingalwazi uLinda Kwatsha, noyintloko yeCandelo leeLwimi zesiNtu, utyunjwe njengombhexeshi wale semina, uye wahlahla indlela, waze waqalisa ukwaba izitya ngokubiza uNjingalwazi uMukenge, noyintloko yeSikolo Seelwimi  noNcwadi ukuba amkele wonke umntu ebezimase lo msitho, ubuso ngobuso, nakumakhasi onxibelelwano. UNjingalwazi uMukenge wamkele iindwendwe ze wazincoma ngomsebenzi wazo wokuphucula ubuchule bokufunda nolwazi lwengqondo, wandule ukudwelisa umsebenzi omhle owenziwa ngala maSebe eeLwimi kwezi Yunivesithi. uyivule ngokusesikweni ngokudlulisa amazwi enkuthazo kubafundi ababeza kuthi bathathe iqonga besenza iintetho malunga nophandolwazi lwabo.  Iintetho zabafundi ibingoyena singaye kule semina nto leyo ekhokelele ekutsaleni umdla weengcaphephe zeelwimi zesiNtu okuquka kuzo ooGqirhalwazi uNdlovu,  uSomlata,  uGxekwa, uMade, uNosilela, uDiko, uMavela, noNjingalwazi uMadolo, kunye nabanye oompondo zihlanjiwe. 

UGqirhalwazi uGxekwa osuka kwiYunivesithi yaseFort Hare wenze amagqabantshintshi ngale semina, waze wandula ukukhankanya izizathu zokubumbana phakathi kwezi Yunivesithi. Umbhexeshi wale nkomfa uNjingalwazi uKwatsha ubize umfundi osuka eRhodes ukuba aze kwenza ulwamkelo lwabanye abafundi nalapho uAnesipho Gqozo owenza izifundo zobuNgqawalwazi (iMastazi) kwezeMfundo athe wadlulisa umbuliso nolwamkelo kwabanye abafundi abasuka kwamanye amaziko, ze wabonakalisa uchulumangco ehlaba ngelithi uzilindele ngomdla iintetho zabo. UGqirhalwazi uSomlata nosuka kwiYunivesithi iNelson Mandela, ushukume wabeka amazwi abonakalisa ukubaluleka kwale nkqubo nalapho athe ityala imbewu yothando lophando, esithi ulwazi olutsha oluza nolu phando luya kuthi ludluliselwe nakwabanye.

U-Uyanda Ntloko nongumfundi  kwiZifundo zoGuqulelo eRhodes uye wangowokuqala ukunikeza intetho ngelinye kumaphepha akhe amathathu elisihloko esithi, Ukuhlola indima yoguqulelo lweendaba ekuphuculeni iilwimi zeSintu: Ukugxila kwimidiya kunye nakwiiwebhusayithi. Injongo yolu phando kukuhlola indlela uguqulelo lweendaba kumajelo onxibelelwano nakwiiwebhusayithi zentlalo ezisetyenziswa ngayo ekwenzeni iilwimi zesiNtu zibaluleke ngakumbi kwaye ziphuhlise ingqiqo, olu phando lukwajolise ekuvezeni indima yoguqulelo ekukhuthazeni ukufaneleka kunye nophuhliso lwangoku lolwimi lwaseAfrica kwixesha ledijithali. 

UGqirhalwazi uNdlhovu uthathe iintambo njengomphathi wenkqubo yeentetho zabafundi, waze wabizela umfundi olandelayo  nothe wathetha ngaphantsi kwesihloko esithi Ukuzotywa kobuwena bomntu ontsudu kuncwadi lohambo lwesiXhosa lwexesha localucalulo. Olu phando lugxile ekuphicotheni nzulu ukuzotywa kobuwena bomntu ontsundu kubonakaliswa iziphumo zohlaselo lwentlalo kwakunye nobume bengqondo.

Enye intetho ibigudle Uphononongo nzulu lwendlela indima zesini eziye zikhokhelele ngayo kuphazamiseko lwengqondo nokuzibulala kwabalinganiswa: nguMabhongo, nongumfundi wezifundo zobuGqirhalwazi kwiYunivesithi iNelson Mandela, injongo yophando lwakhe kukuphonononga ifuthe  kunye neziphumo eziyingozi ezithi zidalwe ziindima nesini, ngaphantsi kwenjongo zokuhlwayela umoya wokuxhasa ukwakhiwa kwentlalo enobulungisa nalapho abantu banelungelo lokuchuma ngaphandle kokusikelwa umda kwizinto ubani anokuzenza kujongwe isini sakhe. 

African Languages

UNkosazana Tiyane, nongumfundi wobuGqirhalwazi eNelson Mandela uvale ngophando lwakhe olusihloko esithi, Indima yolwimi ekwakheni ubulungisa: Uphicothonzulu lothelekiso lolwimi lweenkundla zemveli (iinqila) zamaXhosa neenkundla zaseNtshona eMpuma Koloni. Nezinye iintetho zabafundi abangakhankanywanga bezinika umdla kakhulu, kwaye zibonakalisa igalelo kwiinkalo ezahlukeneyo kulwimi, kubunzululwazi bolwimi, kuguqulelo, kwezemfundo, nakuncwadi. Ngexa abafundi benika iintetho zabo, abahlohli abaquka, ooGqirhalwazi uDiko noMavela baye badlala indima ebalulekileyo kakhulu nalapho bathe banika bonke abafundi  iingcebiso kuphandolwazi lwabo.  

Ukuqwela ingqokoqho, uGqirhalwazi uNdhlovu ubulele wonke umntu okwazileyo ukuphumelela ze wagqithisa amazwi ombulelo kulowo ebesandul’ukuwongwa njengoGqirhalwazi uSisonke Mawonga ngokuba ngomnye wabaxhasi bale nkomfa.

La maziko ezemfundo ephondo leMpuma Koloni aneenjongo zokuya phambili ngale semina, ide ifikelele kwinqanaba apho iza kuthi iphehlelelwe ibe yinkomfa ngokuzeleyo, ngethemba ukuba nezinye iiYunivesithi kuZwelonke zakube nazo seziyinxalenye yolu bumbano ngophando.