IYUNIVESITHI IRHODES IBIBHIYOZELA UKUZINIKELA NOKUGQWESA KWABAFUNDI BENKQUBO YEFAKHALTHI YEZORHWEBO

Rhodes University staff, Investec Staff and Rhodes University students
Rhodes University staff, Investec Staff and Rhodes University students

nguSolethu Madzwila

IYunivesithi iRhodes, ngokubambisana noInvestec, ibibambe umsitho wayo wonyaka wokunikezelwa kweembasa ngowe-10 kuSeptemba eSettlers Monument. Lo msitho ubusingiselwe ekunikezeleni imbeko kubafundi abaphumelele kakhulu kwiziphumo zesigaba sokuqala sonyaka apho abafundi abaphumeleleyo kakhulu banikwe amabhaso emali nokuqatshelwa ngomsebenzi wabo onzima kunye nokuzinikela kwabo. Lo msitho ukwabhengeze imbeko kubacebisi, kubafundi besigaba sokugqibela, nakubafundi ababengamalungu kule nkqubo kwiminyaka edlulileyo, nto leyo eyenze ukuba ibe lixesha lokubhiyozela wonke ose-CESP.

Ababhexeshi bosuku yayinguMnu Shammah Mkansi noNksz Lisakhanya Mohlomi, ababeqinisekisa umoya ophilileyo nowonwabisayo kulo msitho. Phakathi kweendwendwe ezihloniphekileyo kwakukho uNjingalwazi Lynette Louw, uSihlalo oMiselweyo kwiFakalthi yezoRhwebo; uMnu Setlogane Manchidi, intloko yase-Investec; uNjingalwazi Mabokang Monnapula-Mapesela, iSekela likaSekela Ngqonyela weYunivesithi; uNjingalwazi uTshisi Mohapeloa, uNjingalwazi Jo-Anne Vorster, uMlawuli weSebe laseCHERTL; kunye nabasebenzi  abavela e-CESP. UNjingalwazi Louw uvule umsitho ngokwamkela iindwendwe ngobubele waze wachaza injongo yosuku. Uthe lo msitho usekwe ngokukhethekileyo usenzelwa ukubhiyozela abafundi kunye nokuqinisekisa imizamo yabo. “Namhlanje size kubhiyozela abafundi. Umsebenzi wabo onzima kunye nokuzinikela kuya kuqatshelwa, kwaye zonke iimbasa ziya kubalulwa,” utshilo. Uye wanikela imibuliso yakhe kwabaphumeleleyo abaphezulu kunye nabo bonke abafundi ababekho, eqinisekisa ukuba wonke umntu uyabonwa. UNjingalwazi Louw ukwavakalise ukubulela kwakhe kubahlohli kunye nebhanki uInvestec, ebancoma ngenkxaso yabo engangungqiyo kwaye eqhubekayo.

Emva koko, abalawuli benkqubo bamemelele uNksz Ziyanda Saola ukuba abelane ngamava akhe njengomfundi obekade ekula nkqubo. Uthethe ngentlonipho enkulu ngenxa yamathuba kunye nenkxaso ayifumeneyo, wachaza ukuba le nkqubo sisiseko esomeleza ukukhula kunye nokuphuhlisa amandla. “Le nkqubo sisiseko sakho, kwaye ibonakalisa ixabiso lamandla akho. Ikunceda ukuba uchonge indlela ofuna ukuyithatha kwixesha elizayo,” utshilo, ekhuthaza abanye abafundi ukuba bamkele uhambo lwabo baze bafumane indlela yabo.

Emva koko, uMnu Setlogane Manchidi, iNtloko yeCandelo lezeNtlalontle eInvestec, uthethe ngendima ebalulekileyo yokukhulisa amandla kunye nokudala amathuba apho anqabileyo. “Kukho amandla amakhulu kuni nonke, kodwa ngethamsanqa amathuba anqabile. Yiyo loo nto senza konke okusemandleni ethu ukuxhasa kunye nokuvula iingcango,” utshilo. Ekwaziwa ngobubele bakhe kunye nobukho obukhuthazayo, uManchidi ukhuthaze abafundi ukuba bafune okugqwesileyo. “Akulunganga kuphela ukuba ulunge, kufuneka sizame okugqwesileyo,” utshilo, eshiya abaphulaphuli bephefumlelwe kwaye benethemba.

Ngexesha  lokuhanjiswa kweembasa, uMnu Simba Gotora uqale ngokunikezela iimbasa zemali kunye nezokugqwesa kakuhle. Emva koko kwabhengezwa abafundi abaphumeleleyo kakhulu, uMnu Manchidi, uNjingalwazi Vorster, kunye noNksz Thembisa Kgodisang bebedlulisa iimbasa. Iimbasa zokugqibela ziye zanikezelwa kubacebisi, ukuqaphela indima yabo exabisekileyo, kwaye nazo zinikwe nguMnu Manchidi kunye noNjingalwazi Vorster. Zonke ezi mbasa zamkelwe ngamaqhwithelo enkuthazo, zaze zagqitywa ngexesha lokufota apho abafundi abaphumeleleyo badibanisa iimvakalelo zabo kunye neendwendwe ezihloniphekileyo, oko kukhokhelwe ngumnu Amon Magadza.

Ukugqiba umsitho, uMnu Shammah Mkansi wamkela uNksz Sisonke Mawonga ukuba anike umbulelo wokugqibela. Oseza kuthweswa njengo Gqirhalwazi uMawonga uveze ukubulela okukhulu kuInvestec, kwiSekela kaMongameli weYunivesithi, abahlohli, abasebenzi baseCHERTL, kunye nabafundi ngenkxaso yabo. Uye waphinda waqaqambisa indima exabisekileyo yeInvestec ekuxhaseni abafundi ngokusebenzisa imfundo, kwaye waqinisekisa ukubaluleka kwentsebenziswano eqhubekayo phakathi kweyunivesithi kunye namaqabane ayo.

Lo msitho wawungekho nje kuphela wokuqinisekisa impumelelo yezemfundo kodwa wawuyibhiyozelo lokunyamezela, ubudlelwane, kunye namathuba. Uqinise umoya wenkqubo yeCESP njengoluntu apho abafundi bebonwa, bexhaswa, kwaye bekhuthazwa ukuba baphumelele.